Covenant Protestant Reformed Church
Bookmark and Share

I-Ngxelo yo-Kòlo, ka-Athanasius

 
Onga angasinda: pambi kwento zonke makakòlwe yi-Nkolo eyi-Katolika.
Lenkolo ke uyakuti wonke ubani owoba engayibambanga iyonke, ingangxengelelwe: ngokungatandabuzekiyo wotshabalala ngonapakade.
Inkolo eyi-Katolika yilè: yokuba sinqule u-Tixo omnye ommilo zintatu, nommilo ntatu zingu-Tixo omnye.
Singazidibanisi immilo: singayahluli immo.
Kuba iyodwa immilo yo-Yise, iyodwa eyo-Nyana; iyodwa eyo-Moya Oyingcwele.
Kanti ke ubu-Tixo bo-Yise, nobo-Nyana, nobo-Moya Oyingcwele bunye: ubuqaqauli buyalingana, nobukulu bunye bungunapakade.
Into ayiyo u-Yise, ukwayiyo no-Nyana: ukwayiyo no-Moya Oyingcwele.
U-Yise akadaliwe, u-Nyana akadaliwe: u~Moya Oyingcwele akadaliwe.
U-Yise akanamlinganiselo, u-Nyana akanamlinganiselo: u-Moya Oyingcwele akanamlinganiselo.
U-Yise ungunapakade, u-Nyana ungunapakade: u-Moya Oyingcwele ungunapakade.
Kanti Onapakade ababatatu: kodwa ngunapakade mnye.
Kwa njengokuba bengebatatu abangenamlinganiselo, bengebatatu abangadaliweyo: kodwa ngongadaliweyo mnye, ngongenamlinganiselo mnye.
Ngokunjalo u-Yise ngu-Somandla, u-Nyana ngu-Somandla: u-Moya Oyingcwele ngu-Somandla.
Kanti o-Somandla ababatatu: kodwa ngu-Somandla omnye.
Ngokunjalo ke u-Yise ngu-Tixo, u-Nyana ngu-Tixo: u-Moya Oyingcwele ngu-Tixo.
Kanti o-Tixo ahabatlitu: kodwa ngu-Tixo omnye. 
Ngokunjalo ke u-Yise uyi-Nkosi, u-Nyana uyi-Nkosi: u-Moya Oyingcwele uyi-Nkosi.
Kanti asizizo i-Nkosi ezintatu: kodwa yi-Nkosi inye.
Kuba njengokuba sinyanzelwe yinyaniso yobu-Kristu: ukuba sivume ukuba ileyo immilo ingu-Tixo, ileyo iyi-Nkosi; 
Kwa ngokunjalo asivunyelwa yi-Nkolo eyi-Katolika: ukuba sitì o-Tixo batatu, i-Nkosi zintatu.
U-Yise akenziwanga bani: akadalwanga, akazalwanga.
U-Nyana ngoka-Yise yedwa: akenziwanga, akadalwanga, uzelwe.
U-Moya Oyingcwele ngoka-Yise no-Nyana: akenziwanga, akadalwanga, akazalwanga, upuma kubo.
Ngoko mnye u-Yise, ababatatu o-Yise; mnye u-Nyana, ababatatu o-Nyana: mnye u-Moya Oyingcwele, ababatatu o-Moya abayingcwele.
Nakulo-Mtriniti . aktukò upambili nongasemva komnye: akukò ungapezulu nongapantsi komnye.
Kodwa immilo zontatu ziyalingana: zihleli zikò zontatu.
Ngoko ezintweni zonke, njengokuba sekutshiwo: makunqulwe u-Tixo omnye ommilo zintatu,nommilo ntatu zingu-Tixo omnye.
Ngoko ke onga angasinda ke: makabuqonde njalo ubu-Triniti.
Kananjalo makati lowo unga angasinda: alungise ukukòlwa kukwenziwa abe ngumntu kwe-Nkosi yetu u-Yesu Kristu.
Kuba i-Nkolo eyinyaniso yilé, yokuba sikòlwe, sixele: ukuba i-Nkosi yetu u-Yesu Kristu, u-Nyana ka-Tixo, ingu-Tixo, ingumntu;
Ngu-Tixo, obummo wabuzekela ku-Yise, ezelwe pambi kwamapakade: ngumntu, obummo wabuzekela ku-Nina, ezelwe emhlabeni.
Engu-Tixo onguye kanye, engumntu onguye kanye: enompefumlo onengqondo, enomzimba womntu;
Elingana no-Yise ngobu-Tixo bake: engapantsi ko-Yise ngobuntu bake.
Ote, noko engu-Tixo, engumntu: akababini, ngu-Kristu omnye;
Emnye, kungengakuguqulwa kwabu-Tixo bube bubuntu: kodwa ngokungeniswa kobuntu ku-Tixo; 
Emnye kanye, kungengakudityaniswa kwabummo nobu-Tixo: kungokuba immilo yake inye.
Kuba njengokuba umpefumlo onengqondo nomzimba zingumntu omnye: ngokunjalo u-Tixo nomntu ngu-Kristu omnye;
Oweva ubunzima ngenxa yosindiso lwetu: wehlela kwelabafileyo, wabuya wavuka kwabafileyo ngomhla wesitatu.
Wenyukela ezulwini, uhleli ngasekunene kuka- Yise, u-Tixo u-Somandla: apo ayakubuya evela kòna; abe ngu-Mgwebi wabahleliyo nabafileyo.
Ekuyakuti ekuiikeni kwake babuye bavuke bonke abantu benemizimba yabo: benze ingxelo yemisebenzi yabo;
Baze abalungisileyo badle ubomi bapakade: bati abonileyo baye emlilweni wapakade.
Yiyo le ke i-Nkolo eyi-Katolika: ayakuti owoba engakOlwanga yiyo ngokuqinisekileyo angabinakusindiswa.
Udumo ku-Yise, naku-Nyana: naku-Moya Oyingcwele;
Kwavela kunjalo, kusenjalo nanamhla: kohlala kunjalo ngonapakade. Amen.